Indoda ebikhe yavela enkundleni ngaphambili ngenxa yokuba nompu ongenampepha yaze yanikwa ibheyile, iphinde yabanjwa ngokubulala umqhubi webhasi.
Image: File
Ubanjiwe kwakhona umrhanelwa nowoyanyaniswa netyala lokudutyulwa kubulawe umqhubi webhasi uNtlali Yandisa (48), kwindawo yaseSabe, eBityi kunyaka ophelileyo.
Ngokwengxelo kaCaptain Welile Matyolo, uYandisa wadutyulwa wabulawa kweyeDwarha wonyaka ophelileyo u2024, ngumntu ongaziwayo ngethuba ehamba kwibala elivulekileyo kwilali iSabe, eBityi, emva kwempangelo.
Nakuba kungazange kubekho mntu ubanjwa ngokukhawuleza, abaphandi bazinikela ekufumaneni umenzi wobu bubi.
Ingxelo iqhuba ithi, kwinyanga yeNkanga kunyaka ophelileyo, amapolisa athi enza ugqogqo kwindlu yomrhanelwa, nalapho kwafunyanwa imipu emibini engenamaphepha. Uvavanyo lweembumbulu nemipu (ballistic) olwathi lwenziwa, laqinisekisa ukuba ngokwenene omnye wale mipu wathi wasetyenziswa ukubulala uYandisa.
Umrhanelwa noneminyaka engamashumi amathathu (30), uZenande Mbizo, wayeke wavela phambi kwenkundla yamatyala eBityi, ngezityholo zokuba nemipu engenamaphepha, ngomhla we3 kwinyanga yoKwindla, kulo nyaka ka2025.
Ukanti umrhanelwa lo waye wakhululwa ngebheyile yeR2000, kwaye netyala lakhe lagqithiselwa kwiNkundla yamatyala iMthatha Regional Court. Ukanti ngethuba kufunyanwa isiqinisekiso seballistic, lo mrhanelwa waphinde wabanjwa kwakhona, ze wabekwa ityala lokubulala uYandisa.
Uvele kwiNkundla yamatyala eMthatha izolo, uLwesithathu, ngomhla we5 kweyoKwindla, ngetyala lokubulala.
UMkomishinala obambeleyo kwisithili saseOR Tambo, uBrigadier Vukile Ntuli, uncome iqela labaphandi ngokuzingisa kweli tyala.
"Ukubanjwa kwalo mrhanelwa kubonisa ukuzinikela kwethu singamapolisa ekuqinisekiseni ukuba amaxhoba neentsapho zawo afumana ubulungiswa. Siqinisekile ngaphandle kwamathamdabuzo ukuba oku kuza kukhokelela kutshutshiso oluyimpumelelo," utshilo uBrigadier Ntuli.
Related Topics: