UBusisiwe Mvimbani ude wawufumana umzimba womntana wakhe eGcuwa. Umfanekiso: Facebook
Emva kweminyaka emithathu enyuka esehla ekhangela umntana wakhe owalahlekayo, uBusisiwe Mvimbani ude wawufumana umzimba kumzi ekugcinwa kuwo izidumbu nguRhulumente kwidolophi yaseGcuwa. Ngonyaka ka2022, uBusisiwe walahlekelwa yintombi yakhe kwikhaya lakhe eliseMaxelegwini, kuGatyane.
Wakhangela wancama akayifumana - kodwa ekukhangeleni kwakhe, weva ngabantu ukuba kukho imizimba yabantu echolweyo. Wasukela emapoliseni aze wona amthumela eGcuwa - apho kugcinwa imizimba echolweyo.
Wayibona eminye imizimba - kodwa wabe ungekho kuyo owomntana wakhe. Yayikhona eminye imizimba angazange ayiboniswe ngamagosa asebenzela uRhulumente. Uquqe iminyaka emibini epheleleyo engaboniswa kwaForensic oseGcuwa ngaphandle kwesizathu esivakalayo.
Amagosa kaRhulumente kwisebe leZempilo ade amhoya akukhala kuFacebook nakumajelo eendaba kutshanje. Lenziwe uvavanyo lwencindi yofuzo ekuqaleni kwalo nyaka. Ngethamsanqa lakhe kuthe kanti ukhona umntana wakhe kwimizimba angazange ayiboniswe kwiminyaka edlulileyo.
Umlawuli wezonxibelelwano kwisebe leZempilo ephondweni, uMnu. uSiyanda Manana, unike uBusisiwe umzimba wontana wakhe ngokusesikweni ngoMvulo wale veki watsho waxola emva kokungakhathalelwa ixesha elide eGcuwa.
Uvavanyo olwenziweyo lungqinile ukuba ngumntana kaMvimbani, utshilo uManana phambi kokubhengezwa kweziphumo ngamapolisa ezikhulule uMvimbani onethuba elide ekhangela umntana wakhe oyintombazana. Unina kamfi uthe ebeqinisekile ukuba iziphumo ziza kutsho ukuba ngumntana wakhe ngoba wazibona iimpawu.
"Ndiyavuma mna emoyeni ukuba nguye umntana," utshilo uMvimbani koonondaba eGcuwa. Wenze umbulelo kubo bonke abantu abamncedisileyo kumakhasi onxibelelwano ngethuba esokoliswa nguRhulumente. Amagosa angazange amncede uBusisiwe aza kujongana nenkqubo yoluleko ngokutsho kukaMnu. Manana.
"Okwenzekileyo ngethuba efuna ukubona imizimba ibe lilishwa ngoba umthetho kaRhulumente uthi abantu mabancedwe. Isebe liza kuyalela ophetheyo apha eGcuwa ukuba amthathele amanyathelo ongamphathanga kakuhle uBusisiwe," utshilo uManana. Umfihlo ungoMgqibelo, eMaxelegwini.
Related Topics: