Iqwarhashe elabulawa ngezembe ngabarhanelwa ababini eLimpopo.
Ikhutshwe ngebheyile yeR1000 indoda exabele ngezembe yabulala iqwarhashe emva kokuvela kwinkundla kamantyi yaseGiyani, eLimpopo, ngoMvulo wale veki.
Umrhanelwa wabanjwa ngoLwesine, umhla wama20 kweyoMdumba 2025 libhunga likazwelonke leSPCA (NSPCA) emva kokuba eyayanyaniswa nesiganeko esimasikizi sokubulawa kweqwarhashe eliselula eLimpopo ekuqaleni kwale nyanga.
Ividiyo isasazeke kumakhasi onxibelelwano ebonisa abantu ababini bexabela iqwarhashe elivaleleke kwisiqwenga socingo olubiyelweyo.
Umhloli oyiNtloko uDouglas Wolhuter onguManejala wecandelo lokhuselo lwezilwanyana zasendle leNSPCA uthe umrhanelwa wokuqala ujongene nezityholo ezinxulumene nokwaphulwa koMthetho woKhuseleko lweZilwanyana ongunombolo 71 ka1962 (Animals Protection Act 71 of 1962).
“Kukho umrhanelwa wesibini kweli tyala esikholelwa ukuba usebenza kwelinye iphondo. Naye uza kubekwa ityala ngokomthetho wokhuseleko lwezilwanyana iAnimals Protection Act 71 ka1962, kwaye asiwe enkundleni xa sele efunyenwe,” utshilo uWolhuter.
I-NSPCA ithe ichulumancile leli nyathelo, njengoko ithi oku kuqinisekisa ukuba amavili obulungisa ajikela abenzi bobubi abenza inkohlakalo kwizilwanyana nababangela ukubandezeleka kuso nasiphi na isilwanyana.
I-NSPCA ikwathe soze bayinyamezele inkohlakalo kwaye ayisoze ingahoyi nabani na owaphula umthetho wokhuseleko lwezilwanyana, iAnimals Protection Act 71 ka1962.
Related Topics: