Iqela labaphandi abaphuma kwicandelo leProvincial Serious and Violent Crimes, baphanda ityala lokubulawa kwesithandathu samadoda, kwanokuzama ukubulala, emva kwesiganeko esehle ngeCawa, umhla we12 kule nyanga, kwisitalato iKani, eVeeplaas, eGqeberha.
Ngokwengxelo kaLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa, olu phando lulandela emva kokuba amapolisa ethe aziswa ngesiganeko sokudutyulwa KwaZakhele, malunga emva kwentsimbi yeshumi ebusuku (22:15). Ukufika kwamapolisa kwindawo yexhwayelo, afumene imizimba yamadoda amathandathu, naphakathi kweminyaka eyi21 ukuya kweyi27. Kukwafunyenwe nowasetyhini owonzakeleyo, noneminyaka eyi21, nothe waleqiswa esibhedlele, ukuze afumane unyango.
Iinkcukacha zibonisa ukuba ngethuba lohlaseli, amaxhoba ebengaphakathi endlini, nalapho ehlaselwe ngamadoda angaziwayo nebexhobile. Unobangela okhokelele ekubeni kudutyulwe la maxhoba awukacaci okwangoku, kwaye uza kuba yinxalenye yophando.
Kuvulwe ityala lokubulala nelokuzama ukubulala kwisikhululo samapolisa aKwaZakhele, ukanti la matyala aphandwa liqela leProvincial Serious and Violent Crime Investigation. Akukabikho mntu ubanjiweyo ukuza kuthi ga ngoku. Ukanti akakakhutshwa amagama abo bathe baphulukana nobomi babo, de kuqosheliswe ukufaniswa kwabo.
Iqela labaphandi liza kusebenza ubusuku nemini, de kufunyanwe abenzi bobubi. Amapolisa acela nabani na onokuwancedisa ngeenkcukacha ezingakhokelela ekubanjweni kwabenzi bobu bubi, ukuba baqhakamshelane noWarrant Officer John Lourens ku0713524706 okanye batsalele umnxeba inombolo yeCrime Stop ku08600 10111.
Related Topics: