UManqoba Mngqithi nabadlali beGolden Arrows phambi komdlalo wayizolo.
Image: GA/Facebook
Banconyiwe Abafana Bes'thende ngumqeqeshu wabo omtsha emva kokufumana inqaku elinye bedlala neMamelodi Sundowns. UManqoba Mngqithi uvakalise indlela aziva ngayo emva kokuba iGolden Arrows ibambene ngenqaku elinye neSundowns emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eMpumalanga Stadium izolo ebusuku. Ibingumdlalo wakhe wokuqala uMngqithi ebuyele kwiGolden Arrows. Ngethamsanqa lakhe, udibene neqela asuka kulo emdlalweni wakhe wokuqala.
Kwiiveki ezidlulileyo, iSundowns iwonzakalise kakhulu amaqela amakhulu namancinci – kodwa iye yema ngxi izolo, kwacaca ukuba idibene nomntu oyaziyo kakhulu. UMngqithi ugxothwe yiSundowns ekupheleni konyaka ka2024. Ngoku ubuyele ngokupheleleyo ebholeni emva kokuthi vu phantsi iinyanga ezimbalwa. Emva komdlalo, umqeqeshi weGolden Arrows uxele eyona nto emncedileyo ukuze iSundowns ingakwazi ukufaka amagowuli amaninzi njengoko iqhele ukwenza kwamanye amaqela.
"Ukusebenza kwam nabadlali beSundowns ngaphambili kukona kundincedileyo. NdisekwiSundowns, ndim obesenza amalungiselelo xa siza kudlala neGolden Arrows ngoba ndiyayazi indlela edlala ngayo," utshilo uMngqithi emva komdlalo izolo ebusuku. "Indlela abazimisele ngayo abadlali iyancomeka. Zimbini kuphela iintsuku endisebenze nabo. Kusuku lokuqala, ndisebenze nabadlali abangaqhelanga ukudlala. Kusuku lwesibini sibambe indibano sabukela neevidiyo ndibabonisa izinto ezilindelekileyo emdlalweni," utshilo uMngqithi.
Ngoku iGolden Arrows ihleli kwindawo yeshumi elinanye emva kokuqokelela amashumi amabini ananye amanqaku emidlalweni elishumi elinesixhenxe. UMngqithi wonelisekile yindlela Abafana Bes'thende abadlale ngayo nangona ebefuna bangene kwiindawo eziyingozi. IGolden Arrows iza kundwendwela iPolokwane City emdlalweni oza kube usePolokwane kwiveki ezayo ngoLwesithathu.