UDa Gama ukhala ngokonzakala kwabadlali beMagesi FC.
Image: Magesi FC/Facebook
Emva kokubethwa kweMagesi FC ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obungoLwesibini wale veki, uOwen Da Gama uvumile ukuba iqela lakhe alidlalanga ngendlela ebeyilindele eFNB Stadium. Phakathi kwezinto akhale ngazo kukungabikho komdlali olithemba lakhe uSamuel Darpoh odlala emva. Ukubethwa kweMagesi FC kuyigcine endaweni embi ngoba isajingelwa lizembe kwindawo yeshumi elinesihlanu ngaphezulu kancinci kwiRoyal Am engadlaliyo emva kokuthinjwa kwayo nguSars ngenxa kaShaun 'Mamkhize' Mkhize okweleta irhafu ekuthiwa ingaphaya kwamashumi amane ezigidi zeerandi.
Iphazamisekile kakhulu iMagesi ngoba ibikwazile ukubetha iSuperSport United ngempelaveki egqithileyo kwakho ithemba lokuba iza kuzikhupha engxakini emdlalweni ogqithileyo itsho iqabele ngaphezulu kweRichards Bay engasentla kunayo ngenqaku elinye. UDa Gama uvumile ukuba amanqaku amathathu ayifanele iChiefs ngoba idlale bhetele futhi ikwazile nokudala amathuba emdlalweni. Ubalule ukungabikho kukaDarpoh njengoyena mdlali obeza kwenza umahluko emdlalweni ogqithilleyo.
"Sineentsuku ezisixhenxe phambi komdlalo wethu olandelayo. Ndinethemba lokuba abadlali abonzakeleyo bakube bephilile. Sithe masingabangxameli ngoba kufanele banikwe iiveki ezintathu ukuze baphile ngokupheleleyo," utshilo uDa Gama emva komdlalo ephoxekile. Iziphumo azifumene kwiiveki ezidlulileyo zikhe zathembisa. Kodwa ikhefu linika iqela lakhe ithuba lokufumana amandla kwakhona. "Ndiyathemba ukuba uDarpoh uza kube ekhona emdlalweni wethu olandelayo ukuze asincede phaya emva.
"Udlale kakuhle kakhulu emdlalweni wethu neSuperSport United. Kuye kwacaca ukuba akekho namhlanje. Mandivuyisane neChiefs ephumelele umdlalo. Ngenxa yokonzakala kwabadlali, asikwazanga ukuba neqela labadlali elikwazileyo ukumelana neChiefs. Ndiyavuma, yiChiefs edlale bhetele namhlanje. Bekufanele ukuba ifake amagowuli amaninzi ngoba asidlalanga kakuhle emva. Ngenxa yokonzakala kwabadlali, kuye kwanyanzeleka ukuba sidibanise abadlali abangaqhelananga emva," utshilo uDa Gama emva komdlalo. IMagesi FC iza kwamkela iRichards Bay emdlalweni ozayo eSeshego Stadium ngorhatya ngoLwesibini weveki ezayo.
Related Topics: