UMzantsi Afrika uza kudibana neNew Zealand emdlalweni weChampions Trophy olandelayo.
Image: CSA/Facebook
Omnye wabadlali abaphambili kwiqela lesizwe loMzantsi Afrika leqakamba, uMarco Jansen, ukholelwa kwelokuba abadlali bakulungele ukungena kwisigaba esilandelayo setumente. UJansen ukuvakalise oku emva kokuba uMzantsi Afrika ubhulele amasaka iNgilane ngoothinti abasixhenxe bonke. UMzantsi Afrika uyibonise amaqhekeza engqele iNgilane ngokuyikhupha yenze imitsi elikhulu elinamashumi asixhenxe anesithathu (173) kumangeno wayo emva kokuqhokra kuqala emdlalweni.
Wona uMzantsi Afrika ukwazile ukuqabela kwikhulu elinamashumi asibhozo ananye (181/3) emitsi kuwe oothinti abathathu kuphela. Oyena mdlali ohambe phambili kwidemesha eyenziwe kwiNgilane nguye kanye uJansen ngoba ukhuphe abadlali bayo abathathu ngokukhawuleza. Lo nto iye yawunika amandla uMzantsi Afrika emdlalweni obalulekileyo kakhulu. Amanye amadoda aziqaqambisileyo emdlalweni aquka uRassie van der Dussen noHeinrich Klaasen ngoba bobabini bafumene imitsi engaphezulu kwamashumi amathandathu.
Ukuphumelela kweProteas kuthetha ukuthi iza kudibana neNew Zealand emdlalweni ophambi kwamagqibela kankqoyi oza kube useGaddafi Stadium ngentsimbi yeshumi elinanye ngomso (Lwesithathu). Kudibana oomakadezondana abafuna ukwenza bhetele kwiChampions Trophy. UJansen uqinisekisile ukuba abadlali boMzantsi Afrika bafuna ukwenza umsebenzi obhetele emva kokuphoswa yitumente yehlabathi eyayisingathwe elizweni lamaNdiya ngonyaka ka2023.
Sekulithuba uMzantsi Afrika ugqwidiza kwiitumente zehlabathi. Ukubetha iNew Zealand ngomso kuza kuyinika ithuba lokuncumisa abalandeli bawo abagqibela ngo1998 ukuncuma ngethuba ubuya neChampions Trophy. "Akukho mfuneko yekwenza iinguqu ezininzi nangona isigaba esikuso sitsala umdla omkhulu ebantwini," utshilo uJansen emva komdlalo ngempelaveki. "Into ebalulekileyo kum kule midlalo kukwazi ibala ngoba imeko yalo inefuthe kwindlela umdlalo oza kuhamba ngayo," utshilo uJansen.
UTemba Bavuma noTony de Zorzi bebonzakele ngoku akukacaci nokuba baza kudlala na emdlalweni wangomso.
Related Topics: