UJali (Andile) noThabo September ongumqeqeshi weChippa United. Umfanekiso: Yanga Nothanga/Maya Images
Emdlalweni oza kube uphakathi evekini, abadlali beChippa United kufuneka banyuse iikawusi kakhulu ukuze axole umqeqeshi emva kokwenza iimpazamo ezimbi emdlalweni ogqithileyo kwiphondo laKwaZulu-Natal. UThabo September uvakalise ukuphoxeka kwakhe kwiSuperSport TV emva kokuba iChippa United ibambene ngeqanda neRichards Bay emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eKing Zwelithini Stadium ngempelaveki egqithileyo.
Ngokutsho kwakhe umqeqeshi, iqela lakhe lidlale kakubi kakhulu. Ngaphandle kongasebenzisi amathuba avele emdlalweni, abadlali beChippa United benze iimpazamo ngethamsanqa layo ezingasetyenziswanga ngabadlali beRichards Bay emdlalweni. "Umdlalo wethu ubumbi namhlanje. Asikwazanga ukudlala ibhola ngendlela yethu.
“Phofu ndingathi omabini amaqela enze iimpazamo ezininzi kakhulu emdlalweni wanamhlanje. Ewe, siyalamkela inqaku elinye esilifumanayo ekuhambeni - kodwa asonwabanga konke konke yindlela esidlale ngayo," utshilo uSeptember emva komdlalo.
"Besilahla ibhola, kungekho nesantya emdlalweni wethu. Kufuneka sihlale phantsi sizibhence. Sonke asiqhubanga kakuhle noxa silifumene inqaku emdlalweni. Esingakwenza ngoku kukujonga into esingayenza emdlalweni ongoLwesithathu. Xa ukude ekhaya, inqaku elinye uye ulamkele.
“Eyona nto ebembi kukuba khange simxakekise tu unozinti weRichards Bay. Ebesekhifini ezipalini zakhe. Asidlalanga ibhola ephucukileyo. Yiyo lo nto siyamkela into esiyifumeneyo," utshilo umqeqeshi emva komdlalo.
Kufuneka likuphose ngasemva kokukhawuleza okwenzekileyo iqela lebhola ekhatywayo laseMpuma Koloni ngoba liza kundwendwelwa yi'Orlando Pirates ngorhatya ngoLwesithathu. Umdlalo uza kube useNelson Mandela Bay Stadium ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya.
IPirates iya eGqeberha inomsindo emva kokuba ibethwe yiMarumo Gallants ngamagowuli amabini kwatsho kwaphela nentlantsi ebikho yokuphumelela indebe yeBetway Premiership ekucacayo ukuba iza kubuyela ePitoli kwakhona. Omabini amaqela aza kulwela impumelelo, ngakumbi iChippa eza kube idlalela ekhaya.
Related Topics: