UPhumelela Cafu exhagwe ngumqeqeshi nomphathi weBoxing 5 Promotions. Umfanekiso: Facebook
Intshatsheli yeWBO super flyweight, uPhumelela Cafu, uzamkele ngovuyo iindaba ezithi uza kukhusela itayitile yakhe eMzantsi Afrika nakubeni ebekufuna shushu ukudibana noRoman Gonzalez ohlonitshwayo emdlalweni wamanqindi kwihlabathi lonke.
Ekuthambekeni konyaka ophelileyo, uCafu wabetha uKosei Tanaka emlweni owawubanjelwe eTokyo, eJapan, watsho wayintshatsheli yehlabathi okokuqala embalini yakhe. Yaba yinto enkulu kuye naseMzantsi Afrika ngoba wayeqala. Kulo nyaka kunyanzelekile akhangele indlela yokukhusela intshinga yakhe.
Umphathi wakhe uColin Nathan uye waqinisekisa ukuba umlo wokuqala kaCafu kulo nyaka uza kubanjelwa eMzantsi Afrika. "Kumnandi kum ukuva ukuba ndiza kulwela apha ekhaya ngoba abalandeli bam bebethandazela lo nto kanye.
“Ifana nokuzalisekiswa kwephupha kum lo nto ngoba bonke abantu baza kube bexhasa mna. Kubaluleke kakhulu ukuyikhusela intshinga apha eMzantsi Afrika," utshilo uPhumelela waseMpuma Koloni - kodwa ozinze eGauteng enamathuba angcono okuphila.
Iindawo ezingasingatha umlo wakhe yiMpuma Koloni, iNtshona Koloni neGauteng ngokutsho kukaNathan. "Sikhangela indawo efanele umlo kumaphondo amathathu apha eMzantsi Afrika. Nangona singekagqibi ngomntu aza kulwa naye, kufuneka ibe ngumntu osemgangathweni ophezulu emanqindini.
“Umlo ozayo mkhulu ngokufnayo nalowa wetayitile yehlabathi kaSivenathi Nontshinga. Ngaphezulu ndiyazi ukuba zange ubekho umlo weWBO phaya eMonti," utshilo uNathan. Umlo uza kuququzelelwa yinkampani yabathelekisi ekuthiwa yiBoxing 5 ibambisene neTeiken Promotions.
Izinto zimhambela kakuhle uPhumelela Cafe emva kokufudukela eGauteng ekuqaleni konyaka ophelileyo. Walandela abaninzi abemkayo bekhangela amadlelo aluhlaza nakubeni iMpuma Koloni kusithiwa likhaya lamanqindi. Ukulwela kukaCafu endaweni yakhe eMonti ingayinto enkulu, ngakumbi ngoku kukho uMphathiswa uGaytin McKenzie othembisa ngokulungisa izinto emdlalweni wamanqindi.
Related Topics: