ULucas Ribeiro weMamelodi Sundowns noMduduzi Tshabalala weKaizer Chiefs emdlalweni weBetway Premiership obuseLucas Moripe Stadium namhlanje. Umfanekiso: KC/WhatsApp
Ifolosi eyingozi, uLucas Ribeiro, yenze edume ngazo nanamhlanje bashiyeka bebambelele ezidleleni abalandeli beKaizer Chiefs. Oku kwenzeke emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eLucas Moripe Stadium - apho iMamelodi Sundowns ibethe iChiefs ngegowuli elinye eqandeni.
Kule sizini eqhubekayo, iSundowns ibethe iChiefs izihlandlo ezithathu zonke - into eyayikade ingenzeki kwiminyaka eyadlulayo. Ngaphezulu sekuyintlalisenzeka ukufumana igowuli kuRibeiro xa iSundowns idlala neChiefs.
Umdlalo iqale ngesantla esiphezulu. Amaqela omabini ahlaselene - kodwa ebesiya phambili ngobulumko ngoba bekucace gca ukuba akukho qela elifuna ukulahlekelwa kwangoko emdlalweni. Amakhosi ebesiya phambi esebenzisa uGlody Lilepo noPule Mmodi emaphikweni.
Noxa bekunjalo, akakwazanga ukugqobhoza kuJody February ezipalini. Umdlalo weSundowns ubungemhlanga kakhulu njengakweminye imidlalo - kodwa iye yaqinisekisa ukuba iyakhokela ngegowuli elifakwe nguRibeiro kwimizuzu embalwa phambi kokutshintshwa kwamacala.
Umsebenzi weSundowns ibikukukhusela igowuli layo kwisigaba sesibini. Yenze njalo ngokwenene ngoba iChiefs ibingakwazi ukusondela kunozinti. Azamile wona Amakhosi kwisigaba sesibini - kodwa iSundowns khange izibulale. Into eyenzileyo kukuvala amazibuko.
UBruce Bvuma uvale iibhola ezimbini engeziyonzakalisile iChiefs kwisigaba sesibini. Ngoku Amasandawana abethwa ngumoya phezulu futhi avule umsantsa weshumi elinesibhozo lamanqaku phakathi kwawo nePirates ekwindawo yesibini kwiBetway Premiership.
Related Topics: