ULehlohonolo Seema ngumqeqeshi weSekhukhune United. Umfanekiso: Facebook
Umqeqeshi weSekhukhune United, uLehlohonolo Seema, khange afune ukuyingena konke konke into ethetheka ngo-Eric Tinkler ekuthiwa angangena endaweni yakhe. Le ndedeba yaseLesotho ibuzwe ziintatheli emva kokuba iSekhukhune icanjalaliswe yiMamelodi Sundowns ngamagowuli amane kwamabini emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe e'Old Peter Mokaba Stadium izolo ebusuku. Noxa ingakwazanga ukufumana amagowuli awoneleyo, iSekhukhune ilwile emdlalweni.
Ukubethwa kwayo akuguqulanga nto ngoba iSekhukhune United isahleli kwindawo yesithathu kwiBetway Premiership emva kwe'Orlando Pirates esekele iMamelodi Sundowns evule umsantsa wamanqaku alishumi elinehlanu emva komdlalo wayizolo. Kwiiveki ezigqithileyo, kuye kwavakala iindaba ezithi iSekhukhune United inesicwangciso sokusondeza uEric Tinkler. Nakubeni ezo ndaba zingekaqinisekiswa liqela - kodwa akukacaci kakuhle ukuba umsebenzi wakhe iza kuba yintoni.
USeema, 44, uqhuba kakuhle kakhulu ukusukela oko wafukayo kunyaka ophelileyo. Kodwa kungenzeka ukuba uhleli ngempundu enye ngoba kunyaka ophelileyo wakhe waphulukana nomsebenzi kwiSekhukhune ngaphandle kwengcaciso. UTinkler unethuba ehleli phantsi. Oko wagxothwa yiCape Town City ekuqaleni konyaka, akukabikho qela elimsebenzisileyo. "Ndenza into endikwazi ukuyenza kuphela. Owam umsebenzi kukulungiselela imidlalo," utshilo umqeqeshi emva komdlalo izolo.
"Ezinye izinto andizikhathazi ngazo mna ngoba andikwazi ukuzilawula," uvale ngaloo mazwi uSeema ophumelele ishumi elinanye emidlalweni engamashumi amabini anesithathu. Ngoba Ibiza kudibana neRoyal Am, ayizukudlala iSekhukhune ngempelaveki. Iza kudibana neRichards Bay kwimpelaveki yeveki ezayo.
Related Topics: