u-Iqraam Rayners weMamelodi Sundowns noNjabulo Blom emdlalweni obukunyaka ophelileyo. Umfanekiso: KC/WhatsApp
Abantu baseMzantsi Afrika baza kwahlukana phakathi kwakhona xa kudibana iMamelodi Sundowns neKaizer Chiefs emdlalweni oza kutaka iintlantsi ngempelaveki. La maqela mabini aza kungquzulana okweenkunzi zegusha emdlalweni weBetway Premiership oza kube useLucas Moripe Stadium emalanga (15:00) ngoMgqibelo.
Kuye kwanyanzeleka ukuba iSundowns ixoze omnye umphini yakungafumaneki iLoftus Stadium eza kube isingethe umdlalo wombhoxo ngokutsho kwamajelo eendaba. Amakhosi aya ePitoli enomsindo ngoba kule sizini sele ebethwe kabini yiSundowns eyingozi.
Kulindeleke azame okungenani afumane inqaku elinye emdlalweni endaweni yokubethwa, ngakumbi emva kokonzakaliswa yiSuperSport United ngamagowuli amane kwelinye emdlalweni obukwiiveki ezigqithileyo. Ngelishwa, Amakhosi aza kwamkelwa yiSundowns ezimiseleyo njengesiqhelo. Okucacileyo kukuba iSundowns ngeke ivume ukubethwa phambi kwabalandeli bayo.
Izinto aziyihambeli kakuhle iChiefs. Akhona amaxesha ethembisa ngawo - kodwa kuphinde kubekho amaxesha edlala kakubi ngawo. Iimpazamo zikhona kubaqeqeshi nakubadlali. Kukho ukungazithembi okondeleyo kubadlali beChiefs.
Uyazama umqeqeshi ukubadlalisa abadlali futhi uyabakhusela nabaqhuba kakubi - kodwa akukho nkqubela ecacileyo ebonakaliswa ngabadlali ebaleni. Ngokuqinisekileyo, iSundowns iza kudlalela ukuphumelela ngoba ikhangela indlela yokuqinisekisa ukuba indebe yeBetway Premiership ihlala ePitoli.
UNasreddine Nabi uza kuthembela kakhulu kumajoni wakhe amatsha afana noGlody Lilepo noThabo Cele abadlala kakuhle kakhulu. Kuncinci abanokwenza ngoba ingxaki isemva kwiChiefs.
Mhlawumbi emva kokuphumla iveki yonke, abadlali bakaNabi baza kuba neentloni zokumhlaza kwakhona. Ingayinto enkulu ukuba iChiefs ingawuphumelela umdlalo. Kungafunquka ukuzithemba ebadlalini futhi kuphucuke nendawo ekuyo ngoku kwiBetway Premiershi kule sizini eqhubekayo.
Related Topics: