UVuyani Bhungu noAyanda Matiti bethetha neentatheli eMonti kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Pedro Mapelo
Okhokela inkampani yabathelekisi, uAyanda Matiti nengqala elalitshatshele emanqindini, uVuyani Bhungu, baliqhwabele izandla inyathelo elithathwe nguMphathiswa weZemidlalo, uGayton McKenzie, lokuvuselela indawo ekulwelwa kuyo ziimbethimanqindi, i'Orient Theatre, eMonti.
UMphathiswa ukubhengeze oku kwintlanganiso yabo bonke abasemanqindini ebibanjelwe eMonti kwiveki ephelileyo. Injongo ephambili yentlanganiso ibikukuza nesisombululo seengxaki ezombethe umdlalo wamanqindi.
Phakathi kwezinto athe ziza kulungiswa uMphathiswa kukuqhathwa kweembethimanqindi ngabathelekisi abafumana imali bazinike imali encinci. Ngaphezulu koko, uthe kule veki kuza kube kuqala ukulungiswa kwe'Orient Theatre enethuba ineendawo ezonakeleyo.
Njengokuba iMpuma Koloni yazenzela imbali ngokuba yindawo ephambili kwicala lokuvelisa iimbethimanqindi ezithi zigqugqise kwihlabathi - kodwa bekukho intlungu kwelinye icala ngoba i'Orient Theatre eyavelisa iintshatsheli zakudala ibingasekho kumgangatho wehlabathi.
"Siyalwamkela ungenelelo lokaMphathiswa olucacileyo. Yindawo enembali i'Oreint Theatre ngoba kukhiqizwe kuyo iinjinga zesizwe nezehlabathi kuyo. Umgangatho wayo ubungancumisi. Xa uMphathiswa elungisa umgangatho wayo yinto esiyithakazelela kakhulu.
“Siyawamkela nompoposho wakhe othi uza kutyala imali azame nabaxhasi uyasivuyisa ngoba ezo zinto ziza kuphucula umgangatho womdlalo wamanqindi utsho wamkele ngokupheleleyo kumajelo eendaba, ngakumbi oomabonakude.
Nalo irhamncwa lithe livuye kakhulu xa lisiva kusithiwa iza kulungiswa i'Orient Theatre. "Sonwabe kakhulu sakuva ukuba uMphathiswa uza kulungisa i'Orient Theatre. Khange ebeke iintsuku ezikude, uthe masiye phaya ngoMvulo sizokubona into eyenziwayo.
“Linyathelo elibalulekileyo eli alithathileyo ngoba la ndawo esasiyigcwalisa sisilwela kuyo," utshilo uBhungu owayeyintshatsheli izihlandlo eziliqela ngeentsuku zakhe zobutsha ethetha neentatheli entlanganisweni ebiseMonti kwiveki ephelileyo.
Related Topics: