Abadlali beMamelodi Sundowns bevuyela ukubetha iTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership obusePitoli. Umfanekiso: Facebook
Emva kweentsuku ezimbalwa iTS Galaxy ivuyela ukuwisa iMamelodi Sundowns ngo'1-0 emdlalweni wakutshanje, izinto ziphinde zakrakra kwangoko. Njengokuba yayiphumelele ngegowuli elinye eMpumalanga, ngempelaveki egqithileyo ivuthululwe ngamagowuli amane kwelinye yiSundowns emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe ePitoli.
Ukuphumelela kweSundowns kwamkelwe ngovuyo nguMiguel Cardoso watsho esithi kumnceda kakhulu kumalungiselelo emidlalo elandelayo. Ngoku iSundowns ibethwa ngumoya phezulu kwiBetway Premiership futhi uvule umsantsa omkhulu phakathi kwayo namaqela asemva kwayo.
Bekukho ithemba lokuba i'Orlando Pirates iza kulwela indebe inkulu kule sizini eqhubekayo - kodwa elo themba liye laphelela emoyeni emva kokuba ingonjwe kakubi ngemvula yamagowuli amane kwelinye kwiiveki ezigqithileyo yiSundowns. UCardoso uvumile ukuba ubaphumzile abanye abadlali ngoba baza kudibana neSekhukhune United neKaizer Chiefs kule veki.
"Emva kokufumana igowuli lesibini emdlalweni, uye ulindele ukuba ingenzeka into eyenzeke namhlanje. Emva kokuhamba phambili ngamagowuli amathathu kwelinye, uyakwazi ukuluqala ukulungiselela umdlalo olandelayo," utshilo uCardoso emva komdlalo obungempelaveki edlulileyo ePitoli.
"Ndisoloko ndibatyhala abadlali bam ukuba mabafake amagowuli amane xa kuvuma ngoba ndiyazi iqela liye linikezele xa amagowuli emaninzi afakwe kulo. Okuhle kukuba sikwazile ukuphumza abadlali bethu," utshilo uCardoso emva komdlalo ogqithileyo.
Bekumnandi kumqeqeshi emva kwempumelelo. " Ndiye ndancuma kancinci ngoba umdlalo uqale ngendlela engaqhelekanga. Inqabile into yokudlala kwamaqela aphinde adlale futhi kwixesha elifutshane. Sifumene iiziphumo ezihle ngoba umdlalo siwuqale kakuhle.
“Besisazi ukuba kufuneka sidlale njani ngoba besikhe sadlala nayo iTS Galaxy kutshanje," utshilo uCardoso. Ngomso iSundowns iza kudibana neSekhukhune phambi kokudibana neChiefs emdlalweni ongempelaveki eLoftus Stadium emalanga ngoMgqibelo.
Related Topics: